Found entries


Book | Chapter | Verse | Text |
Genesis | 3 | 5 | kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi. |
Genesis | 3 | 6 | Wabona umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, ingumthi onqwenelekela ukuqiqisa, wathabatha eziqhameni zawo, wadla; wanika nendoda yakhe inaye, yadla. |
Genesis | 3 | 7 | Aqabuka amehlo abo bobabini, bazi ukuba bahamba ze; bathunga amagqabi omkhiwane, bazenzela imibhinqo. |
Genesis | 3 | 8 | Basiva isandi sikaYehova uThixo, ehamba emyezweni empepheni yasemini; basuka bazimela uAdam nomkakhe ebusweni bukaYehova uThixo, phakathi kwemithi yomyezo. |
Genesis | 3 | 9 | UYehova uThixo wambiza uAdam, wathi kuye, Uphi na? |
Genesis | 3 | 10 | Wathi yena, Ndive isandi sakho emyezweni, ndasuka ndoyika, ngokuba ndihamba ze; ndazimela. |
Genesis | 3 | 11 | Wathi, Uxelelwe ngubani na, ukuba uhamba ze? Udlile na kuwo umthi, endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo? |
Genesis | 3 | 12 | Wathi uAdam, Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke. |
Genesis | 3 | 13 | Wathi uYehova uThixo kumfazi, Yintoni na le nto uyenzileyo? Wathi umfazi, Inyoka indilukuhlile, ndadla ke. |
Genesis | 3 | 14 | Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, uqalekisiwe wena ngaphezu kwezinto zonke ezizitho zine, neento zonke eziphilileyo zasendle; uya kuhamba ngesisu, udle uthuli, yonke imihla yobomi bakho. |
Genesis | 3 | 15 | Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende. |
Genesis | 3 | 16 | Wathi kumfazi, Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho ekumitheni, uzale abantwana unembulaleko; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona. |
Genesis | 3 | 17 | KuAdam wathi, Ngokuba uphulaphule izwi lomkakho, wadla kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo, uqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho; uya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho. |
Genesis | 3 | 18 | Uya kukuntshulela imithana enameva neenkunzane, udle umfuno wasendle. |
Genesis | 3 | 19 | Uya kudla ukudla kokubila kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini. |