Found entries


Book | Chapter | Verse | Text |
Genesis | 3 | 20 | UAdam walibiza igama lomkakhe ngokuthi nguEva, ngokuba yena engunina wabaphilileyo bonke. |
Genesis | 3 | 21 | UYehova uThixo wabenzela iingubo zezintsu uAdam nomkakhe, wabambathisa. |
Genesis | 3 | 22 | Wathi uYehova uThixo, Yabonani, umntu usuke waba njengomnye wethu, ukwazi okulungileyo nokubi; hleze ke olule isandla sakhe, athabathe nakuwo umthi wobomi, adle, aphile ngonaphakade: |
Genesis | 3 | 23 | uYehova uThixo wamndulula emyezweni we-Eden, ukuba asebenze umhlaba abethatyathwe kuwo. |
Genesis | 3 | 24 | Wamgxotha ke umntu; wamisa ngasempumalanga kuwo umyezo we-Eden iikerubhi, nelangatye lekrele elijikajikayo lokugcina indlela eya emthini wobomi. |
Genesis | 4 | 1 | Ke kaloku uAdam wamazi uEva umkakhe; wamitha wazala uKayin, wathi, Ndizuze indoda ngoYehova. |
Genesis | 4 | 2 | Waphinda wazala umninawa wakhe, uAbheli; uAbheli waba ngumalusi wezimvu, uKayin waba ngumsebenzi womhlaba. |
Genesis | 4 | 3 | Kwathi ekupheleni kwamihla ithile, uKayin wathabatha eziqhameni zomhlaba, wazisa umnikelo kuYehova. |
Genesis | 4 | 4 | UAbheli wazisa naye, ethabathe kumazibulo ezimvu zakhe, kwezinamanqatha. Waza uYehova wambheka uAbheli nomnikelo wakhe. |
Genesis | 4 | 5 | Akambheka uKayin nomnikelo wakhe. Waqumba kunene uKayin, basangana ubuso bakhe. |
Genesis | 4 | 6 | Wathi uYehova kuKayin, Yini na ukuba uqumbe, yini na ukuba busangane ubuso bakhe? |
Genesis | 4 | 7 | Ukuba uthe walungisa, abuyi kuswabuluka ubuso yini na? Ukuba uthe akwalungisa, isono sibuthumile ngasesangweni, singxamele wena; ke wena, silawule. |
Genesis | 4 | 8 | Wathetha uKayin noAbheli umninawa wakhe, kwathi besendle, wesuka uKayin wamvunukela uAbheli umninawa wakhe, wambulala. |
Genesis | 4 | 9 | Wathi uYehova kuKayin, Uphi na uAbheli, umninawa wakho? Wathi yena, Andazi; ndingumgcini womninawa wam, yini na? |
Genesis | 4 | 10 | Wathi, Wenze ntoni na? Izwi legazi lomninawa wakho liyakhala emhlabeni kum. |