menu.png
Lost Password ?

Bible Search

 (Index)


Found entries

•••► •••►
Book Chapter Verse Text
Genesis 4 11 Ngoko uqalekisiwe emhlabeni, owakhamise umlomo wawo ukuba ulithabathe igazi lomninawa wakho esandleni sakho.
Genesis 4 12 Xenikweni uwusebenzayo umhlaba, awusayi kuphinda ukunike amandla awo; uya kubhadula uphalaphale ehlabathini.
Genesis 4 13 Wathi uKayin kuYehova, ityala lam likhulu ngokungenakuthwalwa.
Genesis 4 14 Yabona, undigxdothile namhla phezu komhlaba; ndiya kusithela nasebusweni bakho, ndibhadule ndiphalaphale ehlabathini bathi bonke abantu abandifumanayo bandibulale.
Genesis 4 15 Wathi uYehova kuye, xa kunjalo, bonke ababulala uKayin kophindezelwa kubo kasixhenxe. UYehova wammisela uKayin umqondiso, ukuze bonke abamfumanayo bangamsiki.
Genesis 4 16 Waphuma uKayin, wemka ebusweni bukaYehova; wahlala ezweni lakwaKuphalaphala phambi kwe-Eden.
Genesis 4 17 UKayin wamazi umkakhe, wamitha, wazala uEnoki. Wakha umzi, wawuthiya loo mzi ngegama lonyana wakhe uEnoki.
Genesis 4 18 UEnoki wazalelwa uIradi; uIradi wazala uMehuyaheli; uMehuyaheli wazala uMetusaheli; uMetusaheli wazala uLameki.
Genesis 4 19 ULameki wazeka abafazi ababini; igama lomnye belinguAda, igama lowesibini belinguZila.
Genesis 4 20 UAda wazala uYabhali yena waba nguyise wabahlala ezintenteni, nabafuyileyo.
Genesis 4 21 Igama lomninawa wakhe belinguYubhali; yena waba nguyise wabo bonke abaphatha uhadi nogwali.
Genesis 4 22 UZila uthe naye wazala uTubhalekayin, obekhanda yonke impahla enobukhali yobhedu nesinyithi; udade woTubhalekayin ebenguNahama.
Genesis 4 23 Wathi uLameki kubafazi bakhe, ada noZila, liveni ilizwi lam. Bafazi bakaLameki, phulaphulani intetho yam. Sendibulele indoda ngenxa yenxeba lam, nendodana ngenxa yomvumbo wam.
Genesis 4 24 Xa uKayin aya kuphindezelwa kasixhenxe, Yena uLameki uya kuphindezelwa kamashumi osixhenxe anesixhenxe.
Genesis 4 25 UAdam wabuya wamazi umkakhe, wazala unyana, wathi igama lakhe nguSete, kuba wathi, UThixo undimisele enye imbewu esikhundleni sika-Abheli owabulawa nguKayin.

Page:   2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12